ezomculo
kubhale uUNDA MANYONI


lqe!a !omculo wegospile leli iAvante lizimisele ukuthandwa ngamanxlla omculo wegosplle eh!abathini jike!e!e

)(	A ubona eli qela ungacinga ukuba uciibene neqela leemodeli. Ngesinxibo seAvante esihle nokuba
ziinzwana kwamalungu ayo oko
akwenzi kube mnandi nje kuphela ukuphuiaphula umculo wayo, koko kumnandi nokubukela amalungu ayo ecula naneminyaka ephakathi kwama-22 nengama-28.
lgama leli qela lithetha ukuthi phambili yaye injongo yalo kukuba lingathandwa eMzantsi Afrika kuphela, koko lithandwe nakwamanye amazwe emva kokuba icwecwe lalo elitsha elithi YekiJersusalema lithandwe kakhuhlu kweli.
Amaqela aseMelika
anjengeOJays athandwa kakhulu
Kumnandi ukuphulaphuia umculo weAvante, ukanti kumnandi nokulibukela.


eMzantsi Afrika. Ngoku iAvante ifuna ukuthandwa phesheya nokuba abantu bakhona bawudlale umculo wayo, utsho uLinda.
Siqaie ukucula ngo-1992, qha besisoioko sigabulela izigcawu uRebecca Malope, nto leyo isenze saziwa nangaphezu kokuba besikade siziculela sodwa, utsho uLucky.
l-Avante yaqala imane inikwa imisebenzi ngurnbhali wemidlalo yeqonga uMbongeni Ngema emdlalweni wakhe othi Magic at 4am nokaLebo M othi Lion King ngo-1995. Kuthe ngo-1 997 yazibandakanya kunye neprodyusa yaseThekwini uAlfred Sibisi baza bakhupha cwecwe Iabo lokuqaia elithi Sinethemba, ngelo xesha babecula emitshatwoni, ezingcwabeni nakumatheko omhla wokuzalwa.
Emva kokucula kweAvante emngcwabeni kanina kaVusi Mvelase, uVusi wagqiba ekubeni alincede eli qela.
Xa eli qela linokunikwa ithuba, lingaba ziimvumi eziphambili zomcuo wegospile eMzantsi Afrika, utsho uVusi owathetha noSizwe Zako ukuze athathe eli qela alifake phantsi kwephiko lakhe - laza kamva lakhupha icwecwe lalo lesibini elithi Eloyineliye lathandwa kakhulu.
Emva kokuba liqale ukwaziwa iqela leAvante liye laqonda ukuba nalo lifanele liwancede amanye amaqela omculo wegospile asakhasayo. Kungoku nje jizimisele ukunceda ngolwazi lwalo naliphi na iqela elikwiilokishi asuka kuzo
amalungu alo. 
Phambii nomcuio wegospi wseMzntsi Afrik


kubalisa uBONGANI KA LUKHELE



UMVELELENI ANGENE - lelikaLundi Emva kokuphumelela kwecwecwe lakhe Iokuqala elithi Mphefmulo Wami, legospile ulundi Tyamara uphindile kwakhona weza nelinye. Eli cwecwe lokuqala felineengoma ezili-1 0 liza kulodlula elokuqaia kuba lize negolide (selithengise ngaphezu kwamacwecwe angama-25 000) kwisithuba nje seeyure ezimbini Iikhutshiwe. OkubaJasele kweli cwecwe kukuxuba neengoma zesiSuthu.

UTHEMBVJESU - JelikaNotuvo Duna
lne-13 lemityaka Ie mvumi yaseMpuma Koloni ibonisa ukuba inkqayi ingena ngeentlontlo. Njengezinye iimvumi ilizwt likaNoluvo iabhaqwa esacula ecaweni. Abaprodyusi bodumo njengoSizwe Zako noJabu Nkabinde bancedisile ekuthakeni eli cwecwe waza oliqhawe likaNoluvo uRebecca fvlalope wayimvumi emombelelayo.

UVUMA MPHEFUMULO -leiikaMathonsi
UMathonsi uqale ukubonakala kwiqonga Iomculo xa wayecula neqefa elithi Amaphoyisa elikwaZuiu-Ntal. Efi yaba lilinge likaMathonsi Iokubonisa isiphiwo sakhe sokucuia yedwa. lnkotiso yeengoma zakhe ibonisa ukukholelwa kwakhe kumandla kaThixo okuhlangula uluntu kubuhfwempu nomzabaiazo okuthile uMathonsi naye ubuqu njengepoiisa aye wanamava ako.

UMORENA I-IA ORE YALO -letikaOleseng and the African Gospel Singers
Uofeseng wenze okukhufu ukuphucula umculo wegospile eMzantsi Afrika kodwa Ie mvumi inesiphiwo ikhe ayahoywa. lmpumefelo yecwecwe fayo lokuqala elithi Segopole Boikgantsho iphucule udumo lwayo yaza yamnceda ukuba aqondwe kwefi kwanobunjani beengoma zakhe kwelamva nje buye bambonisa enentsebenzo. Ucula neThe African Gospl Singers ekuveiisweni kwecwecwe takhe elibalaseleyo elineengoma ezinjengale ethi ! Need Yovr Touch, ethi Tsielsi nethi Menate Ya
UNGOSABEL NKOSI- felikavuyo Mokoena nePure Magic Ukukhutshwa kwecwecwe le-1 2 fikaVuyo Mokoena nePure Magic yenye inkqubeia yeti qela kwiminyaka eli-1O tikho. Umqambi weengoma zegospile, umlungeiantsi neprodyusa uSizwe Zako ekuthe impumelefo yabanye abacuti begospile yabangelwa nguye yongeze uncuthu kweli cwecwe. Umhfobo omkhulu kaMokoena uRebecca Malope naye uthe chatha okucuntsulwe kuye ukanti uBenjamin Dube uye wangumbhali nomcult kwezinye iingoma. Ngaphandle kwengoma elithiywe ngayo unokuphulaphula ethi Ngizombonga Ngani, apho uMokoena ebulela uThixo ngamandfa amnike wona yonke le minyaka ecula, ukanti ethi Kanana yakwantu iluncuthu ekumnandi ukuliphutaphula.

ULEKUNUTU- leieHis Majesty lqeta elinamalungu amahlanu taseBrits kwiPhondo eiikumNtla lifunyanwe eminyakeni esibhozo edlulayo, nekuthe mvanje Iazamkela izicengo zabaiandeli balo ukuba bashicilele umculo. Ethi Lekunutu nelithiywe ngayo eli cwecwe ithetha ibhunga eliyimfihlo noThixo. Eli qela lidumile kangangokuba lisungule icawa ebizwa ngokuthi Majesty Gospel Ministries nenkokefi yafo enguMfundisi uMoses Lengweng. tingoma ezibalasele kuyo njengale ecuntsuie kwikwaito ethi Modimo Ogoma nethi Ke Hablle Lehodimi zibonisa ukubumbana kwamazwi aio kwanobuchufe bayo bokuqulunqa iingoma zakwantu ukwenzela abaphutaphufi abaseluia.

UGREATEST HITS OF L1VING IN CHRIST- leleLiving ln Christ Le yikwayara yamadoda kuphela, isungulwe ngamalungu adumileyo awayekwiBelievers ln Christ nakhokelwa nguMfundisi uVusi Gama noyinqununu yeTogetherness tn Christ Church. lcwecwe fabo lamvanje line-14 lezona ngoma zimnandi zeli qela.

IBOS160 BA MATLHOMOLA -IeleMasole A Tumelo Isungufwe ngo-1989, efi qela lamalungu ali-1 1 iekwayara yegospite lizinze eSoshanguve ePitoii. Qho ngonyaka ukususela ngo-1992 la malungu eSt
Aniicwecwe Oniculo WeGospile
Nanga amacwecwe amatsha egospile
Lefatshe.
88 BONA XHOSA - Aprii 2000


Engena Zion Christian Church akhuphe icwecwe ngePasika, eli cwecwe lizuzise eli qela amabhaso egolide naweplatinam. Lineengoma ezimnandi ezibalaselisa amazwi engoma anesimbo sikaMasole. Umculi obalaseleyo uMatlakala uvula aphinde avale eli cwecwe enomyalezo obalulekileyo.

UANGIMBONANGA - lelikaDumisani Xulu
Umsebenzi othembisayo kaXulu onama-24 waseLadysmith ufumene ihlombe xa watsala ingqaielo yeprodyusa eyaziwayo uTshepho Zuzmuzi Nzimande xa wayecula kowabo. UNzimande ube luncedo olukhulu kuLundi Tyamara, ukanti nokugxekwa kwecwecwe likaXulu elineengoma ezisibhozo kubonakala kusiya kwenye imbali yempumelelo

Ul FEEL L1KE GOING ON - lelika
Benjamin Dube
Udumo lukaBenjamin Dube luvakala nangaphaya kwemida yaseMzantsi Afrika, udume ngokuba ngumbhali weengoma, iprodyusa nomlungelelanisi. Ethi / FeeI Like Going On wayishicilefa ngqo eseWits Great HaIl
kunceda eli qela libe nodumo kwiqonga lomcufo.

UTHULA MANQOBA - ieleNgivumele
Ngikhulume
Abantu abagulayo abaphuma kwinkokeli uThuiani Lukhefe oseMzinono ngaseBethal eMpumalanga baza kukwazi ngoku ukuphufaphula iingoma zegospile xa besanyangwa. ULukhele, eqongeni Iomcufo ubizwa ngokuthi Thula Manqoba, usandul ukukhupha icwecwe lakhe lokuqala elineengoma ezinjengale ethi UJona Uyabaleka nethi Noyana. EIi cwecwe lishicilefwe kumagumbi okushicilela eZako Records liprodyuswe nguSizwe Zako uVuyo Mokoena noJabu Nkabinde. Abaculi baquka iAvante, uNokwazi nokhanyo.

UZONKlZONO - leleReggae Gospel Soldiers
Nkqu noRichard Sifuma oyiprodyusa yodumo ufumanise indlela yakhe yokuyila ilingwa xa wangenelela kwiphufo elinzima lokutshintsha ireggae ibe yigospile. Oku kwamzuzela okuhle ukanti ufumene nentsabelo entle kubalandeli bomculo wegospile. Umxholo walo njengoko usitsho yigospile yakwantu
UYIZWA INDABA - leleLord
Comforters
lLord Comforters yeyamafungu eqeta lomculo wegospile angama-25 aseZwetitsha eQonce eMpuma Kofoni necwecwe layo lokuqala lithi Noyana kwaye lazuza igolide laza elesibini elithi Thel Umoya lazuza iplatinam. Apha ethi Nkosi Yiba Nabo nethi We Bani Yizwa ziingoma ezibalaseleyo ezingabangela namphi umphufaphuli athande ukudumisa iNkosi ngengoma - xa kungenjalo sukuma udanise! 
eJohannesburg, apho le mvumi ezuza amabhaso yaxhawufwa kanobom ngabathandi begospile.
ihlelwe ngokutsha inesingqisho sereggae.
US!CELA AMANDLA - leleReaf Christian Voices
lReaf Christian Voices yaziwa kancinci, isungulwe ngabahlobo ababini besesesikolweni uVukile Xoli noLungelo lvloti baseBhayi kwiminyaka esibhozo edlulayo. Emva kwemizamo yokuvefa kwezentengiso yegospile eli qela liye eJohannesburg laza labambisana neeprodyusa uThapelo Khomo noMojalefa Thebe. Eli cwecwe libe sisiphumo soku kumanyana - liza


kubaiisa kukwafote uNEV1LLE M1YELANI MAAKANA
evelisa ibhiya eMzantsi Afrika
E
 MVA kokuba inkampani yathi izimisele ukuxhasa naliphi na iphulo lamabhinqa kwiilaii zase8onn, eMafarana naseSedan ezingaphandle kwaseTzaneen kwiPhondo laseMntla, iqela lamabhinqa adibanisa imali aza aqalisa iphuio elithe ngckuhamba kwexesha lawenzela ingeniso.
Njengoko ijikelezwe ngamasimi eziqhamo edume ngawo idolophu yaseTzaneen, amabhinqa akhona akazange abe nengxaki ekufumaneni icebo aza athi gqi necebo tokuba aqalise iphulo lokwenza ijusi nejam.
Namhlanje iChivirikani Juice Concentrate and Novelty Manufacturers ilishishini elinempumelelo elivelisa malunga nee-1 00 eelitha yejusi nejam ngemini. La mabhinqa zonke iziqhamo azithenga kubalimi
babelungu naantsundu kwingingqi yabo.
lbhinqa ngalinye lafaka imali eyiR30 ukuze kuqaliswe eli phulo elaqala ngokwenziwa kweendibano zokutundiswa ngokuqhutywa
kwamashishini. Ezi ndibano zenziwa ngokusebenzisana nemibutho yoluntu neCentre for Community Development.
Emva kokuba amabhinqa efumene ulwazi lokuqhuba amashishini, acela abakwaSA Breweries ukuba bazalisekise isithembiso sabo sokuwaxhasa. AbakwaSAB babaxhasa ngemali yokuqalisa iphulo labo babathengela noomatshini bokwenza ijusi nejam -lziqhamo ezinencindi!
indlu yokugcina izinto zibanda, umatshini wokumfaxanga iziqhamo, iimbiza ezintathu ezisebenza ngombane, umatshini wokuxuba nesikali.
Kungoku nje eli shishini linempumelelo emangalisayo yaye iifumana iioda ezivela nakwiindawo ezikude njengasePietersburg naseGiyani.
Umphathi weli phulo, uPetunia Moatlhudi, uthi akuzange kube lula ekuqaleni. Saliqala eli shishini singamabhinqa angama-41 yaye sasitsala nzima. Sasinengxaki yokungabi nasakhiwo singaliqhubela kuso, de safumana isakhiwo esasingasetyenziswa
kwimizi-mveliso yaseNkowankowa. Sazahlula sangamaqela amabini, elinye iqela lasebenza emini elinye Iasebenza ebusuku.
Sasisenza ijusi nejam, phofu ke umsebenzi wethu wawungaphelanga apho. Sasithwala iimveliso yethu ngentloko sihambe singea sizithengisa.
Ngamanye amaxesha sasihamba imigama emide size sibuye ebusuku emakhaya. Amanye amabhinqa
1ziqhmo zokusebenz nzi
90 BONA XHOSA - April 2000

